YENZIWA NJANI I PANEL?

. . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . . .


I panel nganye yenzelwe okokuba ibesisikhumbuzo somntu othe wasishiya ngenxa ka Gawulayo.Iipanel ezininzi zenziwe ngabantu bucala ukukhumbula umntu abebemthanda, siyathemba okokuba uyakulandela isithethe sakudala uquke abahlobo, izizalwane nabo usebenza nabo.Ungayenza ipanel yakho ekhaya, e-ofisini, esikolweni okanye kwingqu-ngquthela xa abantu behlangene besenza iipanel ngenkxaso yomnye nomnye.Iipanel zesikhumbuzo ezithi zenze iQuilt zenziwe ngabantu ngabantu, bezenza imibala ngemibala ngamalaphu nangokuzihombisa. Akunyanzelekanga ukuba ube ungumzobi oyingcaphephe ukwenza ipanel yesikhumbuzo somntu owakushiyayo. Noba ungasebenzisa I spray paint okanye uzobe ngenaliti nesiphi na isikhumbuzo samnkelekile.

Xa usenza ipanel landela Ie migaqo mithandathu:

1. LUNGISELELA I PANEL - Bhala igama lo mhlobo okanye intandane leyo,nceda xa usenza isikhumbuzo se panel nganye wenze silingane ipanel yomntu omnye.Uvumelekile uyifake inkcazelo eyenye, umhla wokuzalwa nowokubhubha kunye negama ledolophu umntu ebehlala kuyo.

2. WAKHETHE AMALAPIIU WAKHO - Ngesizathu sokuba iQuilt iyolulwa iphinde isongwe, kubalulekile ibenobunzima obuyilingeneyo, ilaphu elinganwebekiyo njengomqhaphu lelona liyilungeleyo.Ipanel xa igqityiwe kufuneka ibe yi 3x 6 feet (90 cm x 180 cm) lumnkela ukubhala emacaleni epanel. Xa usika ilaphu, shiya (1 - 2 inches) kumacala omabini omgobo.

3. UBUCHWEPHESHE
* Omawukwenze:Thungela oonobumba belaphu ungasisebenzisi isincamathelisi (I glue) ayizukuhlala thuba lide.

*Ipaint : Zoba nge brush elaphini, sebenzisa ipaint okanye nokuba yeyiphi na into yokubhala engaphumiyo. Sukuyisebenzisa I paint ese tyhubhini ngoba incangathi iyakhawuleza ukusuka.

o Ukubhala umzobo: Treyisa umzobo wakho elaphini ngepenilothe, wakugqiba lisuse iphepha lokutreyisa uzobe nge peyinti okanye nokuba yeyiphi na into yokubhala engaphumiyo. Nokuba ngawaphi na amalaphu owasebenzisayo ukongeza kwi panel qiniseka ukuba awazukukrazula ilaphu.( lumnkela iibhotile nezinto ezibukhali ngenxa yesisizathu.)

o Amafoto : Eyona ndlela ilula yokufaka amafoto okanye amagama kukuwafotokopela elaphini eliyi 100% lomqhaphu usebenzise iron (I ayini) wakugqiba uwathungele kwi panel. Ungalifaka ifoto eplastikini
elibonaka1isayo. Xa ulithungela kwipanel ungalibeki phakathi kuyo ngoba ipanel iyasongwa iphinde yolulwe loo nto ingalonakalisa.Xa uyigqibile ipanel yakho yigobe kakuhle ibe yi 3' x 6'. Ukuba awukwazi iNames Project ingakwenzela ikuthungele umgobo.

4. FUMANA LONKE ULWAZI - Nceda uzinike ithuba lokubhala incwadi engangephepha elinye okanye amabini ngalo mntu umkhumbulayo. Zichaze ukuba uhlobene ngaluphi na uhlobo nalo mntu, ebenokuthanda ukuba makakhunjulwe ngantoni okanye esona sikhumbuzo sezona zinto ebezithanda. Ukuba unako thumela ifoto nenkcukacha kwa Names Project.

5. ULWAZI LOMNTU OWENZA I PANEL - Nceda qinisekisa ukuba uyibhalile le nkcazelo, igama lakho , idilesi, neenombobo zakho zemfono-mfono (kwanabo bathe bafaka isandla ekwenzeni ipanel leyo.) iidolphu apho inokuthi i panel ixhonywe kuzo,ulwazi lwakho ngalo mntu umenzela ipanel, negama lomntu ngokupheleleyo ukuba alibhalwanga kwi panel.

6. IGALELO - Ukuba unako nceda ufake isandla ukuncedisana nokuhlawulwa kweendleko zokufakwa kwe panel yakho kwi Quilt. I NAMES Project ixhomekeke kwinkxaso yabantu abenza iipanels, ukugcinwa kwazo kakuhle naxa ziphumile
ziyokuxhonywa.

N.B (Uyacelwa ukuba unako xa ufaka isandla ( donation) usebenzise itsheki
eyakuthi ihlawulwe kwi NAMES Project Western Cape.

For local South African information, please contact:
THE AIDS MEMORIAL QUILT
The NAMES Project Western Cape
Brett Anderson or Zoleka Ngcozana
Office Number: +27 (0) 21 422-0282
P.O. Box 926, Greenpoint 8051
Cape Town, South Africa
Email: match@iafrica.com